Ubumhle umsitho wokusungulwa kwe-Embo Society eCUT 

IDyunivesithi i-Central University of Technology ibi bhiyozela ukusungulwa kwe-Embo CUT Xhosa Society.

Eli liphulo elikhokelwa ngabafundi elizinikele ekugcineni amasiko wabo kwaye nokukhuthaza ulwimi lwesiXhosa kule Dyunivesithi.  

Baphume ngobuninzi abafundi base-CUT. Lo mbhiyozo ububanjelwe ekhampasini enkulu eCUT eBlomfontein.

Bekumenywe nabafundi baseWelkom khampasi abakweli phulo uba nabo baze bazo zimasa kulo msitho umhle. 

Uye waqala ke umsitho we-Embo Society apho bekukho nabafundisi ntsapho base-CUT, bezokuxhasa lento yenziwa ngabafondi bazingcayo ngemvelaphi yabo. 

Kuloubumkhulu kuye kwathethwa izinto ezininzi ezithetha ukuba eli phulo limele ntoni na, nazi izinto ezimbalwa abaye bathetha ngazo: 

  • UKugcinwa kwenkcubeko: Kuye kwafundiswa ukuba uluntu fanele lujonge ukugcina nokukhuthaza inkcubeko, amasiko nezithethe kunye nolwimi lwesiXhosa phakathi kwabafundi base CUT. 
  • Uphuhliso lwabafundi: kwaphindwa kwathetha ukuba uluntu fanele lubonelele ngamathuba okukhula kwabafundi, ukuphuhlisa izakhono zokukhokela kubafundi, kwaye nofundisa abafundi ngamasikho nezithethe zabo. 

Umsitho wokuvulwa kwe-Embo Society ubunomculo wesiXhosa, kwaye abantu bebedanisa benxibe isinxibo sabo esihle sesiXhosa. 

Ibintle kakhulu into ibisenziwa ngabafundi bale dyunivesithi kuba nabanye abafundi baye bayobhiyoza nabo.

Kwaye bencoma kakhulu lento yenziwa ngumzi kaXhosa kwiindawo zemfundo ephakamileyo. 

Iye yanconywa kakhulu into eyenziwa ngabantwana bomgquba.  

Baye babulelela kakhulu ke nabafundi base khampasini yaseWelkom ukuba bamenywe kulo msitho ubumhle kangaka.

Baye bathi babulela kakhulu ngemfudumalo abathe bayifumana baziva besekhaya.