Yintoni ukubaluleka kwemfuyo?

Imfuyo yinto esayincanca ebeleni, saze sayidla escakathini. Ibiyindlela yokuphila ngoba ibiyimbiza yesonldo sekhaya nakwisizwe esimnyama ngokubanzi.

Imfuyo iliyaze kumakhaya, iqulathe ulwazi nemvelaphi yethu sisisizwe esimnyama kwaye ingumncedi mhla ngengxaki.

Ibithi indoda yokuxineka ziingxaki zobomi, ibhenele esibayeni sayo ukuzama ukukhawlelana naluphi na uhlobo lwengxaki.

Mandulo bekuthi xa kufuneka kwenziwe umcimbi wekhaya odinga ukuba kuxhelwe, bekuhkonjwa kwimfuyo ekhoyo ebuhlanti  ilungeke ingxaki.

Esi senzo besibalulekile kakhulu ngoba ukuthenga impahla ube uzakunyanga ikhaya kunobungozi ngoba, eminye imizi iyathwalela imfuyo.

Ooqhina ka qhonono nozunguli’chela basekona babekhona kwantlandlolo, zizaphuselane nje ekufuneke sizamkele ukuba zakuhlala zikhona.

Lento ikukufuya yinto yethu thina sizwe esimnyama asiyinkatsheli ngoba, izapholo sazincanca kwimazi zoxhwitha sisengamakhwekwe emakhaya.

Mandulo uvimba (Bank) wendoda ibilithango layo, yimfundiso eyafakwa ngoobaw’omkhulu bethu ukuba umntu xa iphangela makathenge imfuyo.

Babesazi ukuba ingxaki ezizakujongana nomntu zininzi kwaye ukuze akwazi ukujongana nazo kufuneka ufuyile.

Nangona nje bekukhuthazwa ukuba umntu makafuye, ulwazi lokuba ufuya njan, ufuya ntoni, ndawni silunikiwe ngoobaw’omkhulu.

Oobaw’omkhulu bebenobuchule bokubona nokwazi ukuba uhlobo oluthile lwemfuyo lulunga kumhlaba onjani okanye kweliphi icala lelizwe.

Kwezintsuku siphila kuzo zininzi izinto umntu anokuzifuyo kwaye nolwazi lokufuya luninzi luyafumaneka.

Kuyakhuthazwa ke ukuba xa ungumntu ozakuqala ukufuya ujonge ipokotho yakho, ufune ulwazi oluphangaleleyo kwaye ungaqala ngezilwanyana ezincinci ezifana neenkuku zesiXhosa (Imileqwa).

Inkcakuba zophando lwenqondo zingqina ukuba ukukhulisa isilwanyana esithile, usikhathalele usibone sikhula sizisa uchulumanco entliziyweni yomnikazi.

Ilizwe liyanda kwaye izidingo zokutya nazo nezinye izinto ezinxulumene nokutya zizohlala zidingeka nangakumbi.

Kuyilonto ke kubalulekile ukuba sifuye ngoba ezizidingo zingaka zokutya zithyile ithuba lokuba abafuyi banganengeniso ngokwezimali.

Xa ungumtu othi xa ebawela umhluzi athathe ebuhlanti okanye anqakule inkuku kwezi anazo, uyasinda ekuchitheni imali kwaye ufumana inyama enezakha mzimba ezipheleleyo.

Masixole Maswana

Masixole Maswana is a Production Scientist and registered Professional Natural Scientist (Pri.Nat.Sci.) and Associate Extension Technologist (Assoc.Ext.Tech.) with extensive experience in animal production, breeding, and genetics. He is also a qualified training facilitator and assessor, committed to developing skills and capacity within the agricultural sector. Masixole is currently pursuing a PhD in Animal Breeding and Genetics at the University of South Africa (UNISA). He holds a Master of Science in Agriculture (Animal Breeding and Genetics) from the University of Limpopo and a Bachelor of Science in Agriculture (Animal Production) from the University of Fort Hare. Passionate about livestock improvement, sustainable agricultural development, and knowledge sharing, Maswana combines scientific expertise with practical industry experience to contribute to the advancement of animal production and genetic improvement in South Africa.