Uyafuna ukufuya?
Kulemihla yanamhlanje asisithi sonke ababenethamsanqa lokukhuliswa phakathi kwemfuyo kwaye ingesithi sonke abanomdla wakufuya.
Isininzi sabanomdla wokufuya abakhuliswanga ngemfuyo, abanye abanomdla wokufuya waqhutywa kubona ithuba lokwenza imali ngokuthengisa imfuyo.
Nokuba sesiphi isizathu sakho sokufuya kubalulekile ukuba, wazi ukuba ume njani ngokwezimali, hlobo luni lwesilwanyana ofuna ukusifuya, ingaba ungumntu ophangelayo, uzakubanalo ixesha lokusihoya esisilwanyane kwaye wazi ntoni ngesisilwanyane.
Xa uthe wasithatha isigqibo sokuba sesiphi islwanyane ozakusifuya, kufuneka ujonge ukuba ngobani abanye abafuye oluhlobo lwesilwanyeni kule ngingqi ukuya uzidibanise nabo kuba ufuna ulwazi.
Kule mihla sikuyo ulwazi ke lufumaneka ngendlela ezininzi, ungangena nakumakhasi onxibelelwano.
Norhulumente unawo amaziko okanye iiofisi zezolimo onothi uyofuna kuzo ulwazi ngesilwanyane eso kwaye nangenkxaso ekhoyo ngokwezemali.
Ukwenjenjalo uyakutsho wazi nomlimi okhoyo walongingqi ufuna ukufuya kuyo uzidibanise naye, naye akudibanise namanye amafama alongingqi.
Esi isigaba ke sifuna umntu abenomonde angadyuduzeli, sifuna ukuba uthathe ixesha lakho uqokelele lonke ulwazi oludingayo phambi kokuba uqale kwenzela ungazongena ezindlekweni ezingenambuyekezo.
