Amaqhinga okufuya
Ukufuya ke kunamahla ndenyuka namagingxi-gingxi nje ngobubomi siphila kubo, kuyilonto ke kufuneka ubenomonde kwaye ubengumntu onganikezeliyo.
Xa ufuyile uzakujongana nezifo, imbalela, ubusela noobhubhane abatshabalalisa imfuyo.
Kuyilonto ke kubalulekile ubenolwazi oluphangaleleyo nje ngezifo ezikhoyo kulongingqi, amayeza onyanga imfuyo, izilwanyana zasendle ezikhoyo ezitya imfuyo njalo njalo.
Kubalulekile ke uyazi nemozulu yalongingqi ukuba ingaba yimozulu ebaxekileyo, ingaba inemvula eninzi, ingaba ilanga litshisa kakhulu, ingaba inomoya obhudlayo okanye ingqele.
Olulwazi luzakunceda ukwazi ukwenza amaqhinga okukhawlelana nezimeko uzakujongana nazo. Kubalulekile ke xa ukhetha isilwanyane ozakusifuya, ukhethe esikwazi ukumelana nemeko zalongingqi uzakube uhlala kuyo.
Into yokuqala ezakuxelela ukuba sesiphi isilwanyane esizakulunga, kujonga ukuba abanye abafuyi kulengingqi bafuye ntoni.
