Isihoyo yinto ekhoyo kuwe?
Umntu ofuyileyo kunyanzelekile eyihoyile imfuyo yake, ukuyihoya kukuqinisekisa ukuba ayiguli, ayigodoli, ayilambi ayinxanwa, ayihlukumezeki nangaliphi na ihlobo.
Isilwanyana yinto philayo okwayo efuna ukuba ngamaxesha onke ihoyiwe. Abantu abaninzi bafuyela amanani ngaphandle kojonga ukuba lomanani ayazifumana na izidingo zawo ezipheleleyo.
Abafuyi abanintsi banento yokuba imfuyo yinto nje ekumele izibone ukuba iphila njani, abalithathibuxanduva lokuncedisana nayo.
Abanye bazilalisa endle ngaphandle kohoyakala, abanye bazivulele nje kusasa ziphume zihambe zibhadula emadlelweni zingajongwanga.
Ukungasikhathalaleli ngokupheleleyo isilwanyana, yenza lonto ukukhula kwaso kungabikho kuhle njengoba sikulindele.
Imfuyo idinga indawo yokulala eyikhuselayo kwimimoya negqele zasebusuku, kwaye idinga uphahla lokuyikhusela kumalanga atshisa kakhulu.
Ukutya ekusemgangathweni ophezulu, amanzi acocekileyo, amayeza oyihlaba xa igula, ukufakwa dhiphini zezinye zendlela zoncedisana nococeka kwayo.
Abafuyi mabahlale bezijongile ezozilwanyana bazifuyileyo, bezihoyile maxesha onke, bangabingo bafuyi nje ngegama kodwa ngezenzo eziphucukileyo.
