Umgquba ayongubo

Abafuyi abanintsi banempazamo yokuziyeka izilwanyane zihlale kwaye zilale emgqubeni. Umgquba ayongubo yasilwanyana kodwa yinto ephuma kuyo ngaphakathi emva koba umzimba ethathe oko akudingayo kulonto isilwanyane besiyityile.

Umgquba uxubene nomchamo, amaxesha amanintsi uyathanda ukubanamaqanda entshulube eziyingozi ekukhuleni kwezilwanyana.

Amafama amanintsi anento yokucinga ukuba umgquba wenza ubushu obudingekayo apho zilala khona izilwanyane ezo.

Obubushushu bathetha ngabo ikwabubushushu obuncedisa intshologwane zikhule, amaqanda entshulube wona aye ajike abezintshulube ezizozimela apha engceni le ityiwa ngezizilwanyana.

Zesithi esosilwanyana xasitye longca inentshulube, sibenentshulube ngoku umfama ewafaka amayeza ibengathi awasebenzi amayeza.

Lamchamo uxubene nomqhuba wenza injologwane zesithi isilwanyana xa silele phezukwawo kubenobushushu ozenza ezintshologwane zibenamandla kakhulu.

Ezintsholongwane zizo ngena emzimbeni wesilwanyana ngemifinya, ngamathe okanye ngokuthi isilwanyana sizilence.

Zifike ngaphakathe ziphazamisane nempilo yessiilwanyana. Kubalulekile ke uwuphungula umgquba ungahlali ixesha elide nawo.

Masixole Maswana

Masixole Maswana is a Production Scientist and registered Professional Natural Scientist (Pri.Nat.Sci.) and Associate Extension Technologist (Assoc.Ext.Tech.) with extensive experience in animal production, breeding, and genetics. He is also a qualified training facilitator and assessor, committed to developing skills and capacity within the agricultural sector. Masixole is currently pursuing a PhD in Animal Breeding and Genetics at the University of South Africa (UNISA). He holds a Master of Science in Agriculture (Animal Breeding and Genetics) from the University of Limpopo and a Bachelor of Science in Agriculture (Animal Production) from the University of Fort Hare. Passionate about livestock improvement, sustainable agricultural development, and knowledge sharing, Maswana combines scientific expertise with practical industry experience to contribute to the advancement of animal production and genetic improvement in South Africa.