iDonkey nguRhulumente
Amakhaya amaninzi angathathi ntweni kweli lomzantsi Afrika afuye idonkey eziluncedo kakhulu ukungenisa imali ethi ibanceda ekuphileni.
iDonkey nguRhulumente kuba azidingi nto ingako kubafuyi bazo kodwa ziza nengeniso egxotha ikati eziko kumakhaya amaninzi.
Oluhlobo lwemfuyo alufani lugulele ukudinga amachiza athengwayo, ngesinye sezilwanyane esikwazi ukuziphilisa ngaphandle koncedwa ngumfuyi.
Imizi emininzi iphila ngokuthi iqeshise amandla edonkey zayo, ngokutsala imithwalo enzima kwindawo ezinendlela ezimbi apho, tractor nezinye intlobo zezithuthi zingenofikelela khona.
Kwezinye indawo zizo ezincedisana nokuhambisa abantu, zithuthela abantu, amanzi kunye nenkuni kutsho kubekho amagoqo emizini.
Esisilwanyana sidelelekile kubafuyi abangayiboniyo lendima inkulu kangaka siyidlalayo, ngaphandle nje kwamandla aso zinintsi ezinye inzuzo kuzo ezingekaqatshelwa.
Esikhumbeni seDonkey kukho into ekhamekayo kuso eyinzuzo enkulu kwezimpilo kulamazwe aseChina.
Ngokwezempilo inyama yedonkey ngeyona isempilweni ukogqitha ezinye intlobo zenyama ebomvu ezikhoyo.
Ubisi lweDonkey lunento ezinintsi ezinolenza ezifana nokwenza lamabisi omgubo akhoyo oncancisa abantwana, inzululwazi zithi eledonkey ubisi ngelona lingazinabungozi ekukhuleni kwabantwana.
Zinoqatshelwa ezinzuzo lubanzi, namakhaya ahlupheka kakhulu afuye idonkey kungavela lubanzi ukuba idonkey ngoyena rhulumente.
