Ukufuya akunasini, akugugelwa

Wonkeu bani unelungelo lokufuya kwaye alunamiqhathanga ngokweminyaka okanye ngokwesini.

Zohlukile ke intlobo zezilwanyana zokufuya, ezinye zinobundlobongola ezidinga uhlobo oluthile namava athile okujongana nazo.

Ezinye azinabundlobongela kwaye zilungele nabani na othanda ukufuya kwaye zingadingi lwazi lungako ukuze ukwazi ujongana nazo.

Impazamo amakhaya amaninzi ayenzileyo yayikukuyekela yonke into edibene nemfuyo kumntu ongutata, aze athi akusweleka kungabikho mntu wokuyihoya imfuyo.

Imfuyo mayibe yinto yekhaya apho wonke umntu ezakuthatha inkxaxheba ekuhoyeni nasekukhuliseni imfuyo ukuze sonke sizoxhamla.

Kwelixesha siphila kulo akunyanzelekanga ukuba kubekho imfuyo katata okanye eyasebuhlanti, okanye ekamama imfuyo mayibe yeyekhaya.

Xa sikwenza ke oku kuzawfuneka sichule unyathela ngoba kaloku asifuna kuphazamisana nesiko zesijike izithethe kuba sisithi imfuyo yeyekhaya.

Singazakha indawo esinosebenzela kuzo kwenzela nabantu ababhinqileyo babenendima abaydlalyo bengakange babe kanti bophula imithetho yekhaya.

Imfuyo idinga intsebenziswano kumntu wonke wekhaya, wena mama, tata, mntana sonke sinoxanduva.

Masixole Maswana

Masixole Maswana is a Production Scientist and registered Professional Natural Scientist (Pri.Nat.Sci.) and Associate Extension Technologist (Assoc.Ext.Tech.) with extensive experience in animal production, breeding, and genetics. He is also a qualified training facilitator and assessor, committed to developing skills and capacity within the agricultural sector. Masixole is currently pursuing a PhD in Animal Breeding and Genetics at the University of South Africa (UNISA). He holds a Master of Science in Agriculture (Animal Breeding and Genetics) from the University of Limpopo and a Bachelor of Science in Agriculture (Animal Production) from the University of Fort Hare. Passionate about livestock improvement, sustainable agricultural development, and knowledge sharing, Maswana combines scientific expertise with practical industry experience to contribute to the advancement of animal production and genetic improvement in South Africa.