UMVUNDLA UZEK’INDLELA KUMCULI WOMASKANDI
Intombi yomculi woMaskandi ongasekhoyo nowayesaziwa ngo Njemboqo ilandele ekhondweni likayise ngokukhupha icwecwe layo lokuqala kwakulo mculo.
Intombi yomculi woMaskandi ongasekhoyo nowayesaziwa ngo Njemboqo ilandele ekhondweni likayise ngokukhupha icwecwe layo lokuqala kwakulo mculo.
Indoda engaziwayo nezibiza ngo Khumalo ikhohlisa abantu abadinga imisebenzi kumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill, ngelithi ingabafaka emsebenzini ukuba banokukhupha intshontsho.
Umbhali weencwadi zesiXhosa, u Mzoli Mavimbela uphuma kwilali yase Ngxongweni , e Port St Johns kwaye ungumbhali ophume izandla, elinye lamabali akhe lifundwe kwisikhululo sosasazo, Umhlobo Wenene F.M.
Abaculi bomculo we Maskandi abaphuma emaMpondweni baza kudibana nabaphuma kwaZulu Natal, kohlukane ooshuni xa kuza kube kubanjwe ingxikela yomnyhadala womculo we Maskandi ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMsintsi kulo nyaka wama-2023.
UKhayalethu Jali oneminyaka engama-31 umemelela kuye nabani na ongancedisana naye ekuphumezeni iphupho lakhe lokusasaza ibhola.
Sele kulithuba leminyaka emihlanu umasipala wasekuhlaleni Umzimvubu wathi waqala inkqubo yokuncedisa amafama oboya. Eli lelinye lamalinge neenzame zika masipala zokukhawulelana neezidingo zamafama isebe Lophuhliso lwasemaphandleni kunye nohlaziyo lwezolimo ebelingakwazi ukuzifezekisa…
Isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Kapa liphehlelele iphulo lika Fika Uphila-Arrive Alive, ngomhla wesine kwinyanga ka Tshazimpuzi kulo nyaka wama-2023.
Umphathiswa wesebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa u Nomakhosazana Meth undwendwele amaxhoba eemvula ezimandla eSajonisi phezolo, umhla wesithathu kwinyanga ka Tshazimpuzi kulo nyaka ka-2023.
Ukunqongophala kweendawo zempilo ezaneleyo e-Atlantis kukhokelele ukuba abahlali bakhankasele ukuba iikliniki ezimbini eziphantsi kweSixeko kulo mmandla zinikezelwe kwiSebe lezeMpilo neMpilo-ntle ephondweni. Iikliniki ezimbini ezilawulwa sisiXeko eAtlantis – iSaxon Sea kunye…
I-Nedbank isungule inkqubo yokuhlawula ngokukhawuleza i-PayShap, kunye nesicwangciso esibukhali samaxabiso esilungiselelwe ukuqhuba ukwamkelwa ngokubanzi. Le nkonzo iya kufumaneka simahla kude kube ngama-30 kuTshazimpuzi, kwaye emva koko iya kufumaneka ngomrhumo oqingqiweyo…