Author: Admin

Amaphupha ngokutya

Ukutya emaphupheni kunokubonisa izinto ezahlukeneyo. Ukutya kufuzisela ubutyebi, ukuchuma, ukonwaba. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba ukhumbule iinkcukacha zephupha lakho, ingakumbi iinkcukacha ezinxulumene nokutya okuphuphileyo.

#McDonald’s | Sisonke Mzantsi

Sisonke Mzantsi yintsebenziswano nabo bonke abantu baseMzantsi Afrika ejolise ekwenzeni impembelelo eyakhayo kuluntu lwethu. Ikwalikhwelo lokuba uluntu luzibandakanye nathi ekufumaneni izisombululo kwimingeni uluntu oludibana nayo.

KUBHIYOZELWE IVEKI YAMATHALA EENCWADI KOWENGQUZA

Isebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kwisithili se OR Tambo libambe umsitho wokubhiyozela amathala ngolwesine,umhla wesibini kweyokwindla.Lo msitho ubanjwe ngenjongo yokukhuthaza uluntu ukuba maluwasebenzise amathala ukuzuza ulwazi.Phakathi kwabo bebeyinxalenye yalo msitho ngumasipala…

USHIYEKE EME NEMATHA OQOLWE NGUSONYANGA

Indoda eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amane ubudala yase Nzondeni iqhatwe ngozibize ngenyanga,wayizimbula amawaka asibhozo eerandi ngelithi uza kufumana izigidi ezintathu zeerandi.U Baba Shange, nanjengoko ezibiza, usebenzisa izikhululo zasekuhlaleni nezithenjiweyo ukutsala amaxhoba…

Amaphupha ngokufa

Ukufa yinto eyoyikwa ngumntu wonke ingakumbi ke ngoku xa kuzakuvelela ebuthongweni. Kungako xa uphuphe ngokufa kumele ucele ukucaciselwa ngabantu abakwaziyo ukulawula amaphupha.

Amaphupha ngezixhobo zasekhitshini

Xa uphupha ngezinto ezahlukeneyo zasekhitshini, usoloko ucinga ngeenjongo zazo kunye nendlela ozisebenzisa ngayo izixhobo ephupheni elo. Umzekelo, isitovu esivutha izinto, sinokucebisa ngemfudumalo, ukukhanya kunye nentshisakalelo oza nayo kusapho lwakho.

Amaphupha ngeziqhamo

Amaxesha amaninzi ukuphupha ngeziqhamo kukholeleka ekubeni kubekho uphuhliso oluzayo futhi kubekho neziphumo ezihle ezilindelekileyo. Ixesha elininzi ukuphupha iziqhamo kungathetha into entle. Kodwa intsingiselo ijika ibe mbi xa isiqhamo sibonakala singekavuthwa,…

Amaphupha ngezikhova

Izizwe ezininzi zaseAfrika zikholelwa ekubeni izikhova zizo ezizisa ukufa kunye namabhadi. Xa siviwa sikhala kufutshane nomzi othile kuye kukholelwe ukuba kukhona ukufa okuzayo kumzi lowo. Koyikisa nangakumbi ke ukusiphupha ulele.