IINdaba

News

iDonkey nguRhulumente

Amakhaya amaninzi angathathi ntweni kweli lomzantsi Afrika afuye idonkey eziluncedo kakhulu ukungenisa imali ethi ibanceda ekuphileni. iDonkey nguRhulumente kuba azidingi nto ingako kubafuyi bazo kodwa ziza nengeniso egxotha ikati eziko…

Amakhalane ayibobuhomba

Amakhalane ayonto yokuhombisa isilwanyane, lutshaba lwesilwanyane elifungxa igazi kwaye liza nezifo esilwanyaneni eso. Ubuhomba bomfama kukuqinisekisa ukuba into ezifana namakhalane nezinambuzane ayizonto ekufuneka zihleli nje zingqunge izilwanyana. Kubalulekile ke xa…

Umgquba ayongubo

Abafuyi abanintsi banempazamo yokuziyeka izilwanyane zihlale kwaye zilale emgqubeni. Umgquba ayongubo yasilwanyana kodwa yinto ephuma kuyo ngaphakathi emva koba umzimba ethathe oko akudingayo kulonto isilwanyane besiyityile. Umgquba uxubene nomchamo, amaxesha…

Ukutya kwemfuyo

Impazamo enkulu eyenziwa ngabafuyi abaninzi kukucinga ingca kukutya okupheleleyo nekudingayo imfuyo. Ingca yodwa ayinazo zonke izakhamzimba ezidingwa yimfuyo, zinintsi ezishotayo. Lonto ithi ngelanga imfuyo ephila ngengca yodwa ayizifumani zonke izakha…

Isihoyo yinto ekhoyo kuwe?

Umntu ofuyileyo kunyanzelekile eyihoyile imfuyo yake, ukuyihoya kukuqinisekisa ukuba ayiguli, ayigodoli, ayilambi ayinxanwa, ayihlukumezeki nangaliphi na ihlobo. Isilwanyana yinto philayo okwayo efuna ukuba ngamaxesha onke ihoyiwe. Abantu abaninzi bafuyela amanani…

Ukufuya akunasini, akugugelwa

Wonkeu bani unelungelo lokufuya kwaye alunamiqhathanga ngokweminyaka okanye ngokwesini. Zohlukile ke intlobo zezilwanyana zokufuya, ezinye zinobundlobongola ezidinga uhlobo oluthile namava athile okujongana nazo. Ezinye azinabundlobongela kwaye zilungele nabani na othanda…

Amaqhinga okufuya

Ukufuya ke kunamahla ndenyuka namagingxi-gingxi nje ngobubomi siphila kubo, kuyilonto ke kufuneka ubenomonde kwaye ubengumntu onganikezeliyo. Xa ufuyile uzakujongana nezifo, imbalela, ubusela noobhubhane abatshabalalisa imfuyo. Kuyilonto ke kubalulekile ubenolwazi oluphangaleleyo…

Uyafuna ukufuya?

Kulemihla yanamhlanje asisithi sonke ababenethamsanqa lokukhuliswa phakathi kwemfuyo kwaye ingesithi sonke abanomdla wakufuya.  Isininzi sabanomdla wokufuya abakhuliswanga ngemfuyo, abanye abanomdla wokufuya waqhutywa kubona ithuba lokwenza imali ngokuthengisa imfuyo. Nokuba sesiphi…

Yintoni ukubaluleka kwemfuyo?

Imfuyo yinto esayincanca ebeleni, saze sayidla escakathini. Ibiyindlela yokuphila ngoba ibiyimbiza yesonldo sekhaya nakwisizwe esimnyama ngokubanzi. Imfuyo iliyaze kumakhaya, iqulathe ulwazi nemvelaphi yethu sisisizwe esimnyama kwaye ingumncedi mhla ngengxaki. Ibithi…